Isiqendu 132 soMgaqo-siseko omtsha sithathwa njengesifundeka ngale ndlela:
132. ABaphathiswa bamaphondo
- ABaphathiswa bephondo yiNkulumbuso kwakunye namalungu angekho ngaphezu kwe-10 amiselwe nguMongameli ngokwesi siqendu.
- Iqela eline-10 ekhulwini ubuncinane lezihlalo kwindlu yowiso-mthetho yephondo nelithe lagqiba kwelokuba lithabath’inxaxheba kurhulumente womanyano, linelungelo lokwabelwa isebe okanye amasebe kurhulumente wephondo ngokulinganayo nenani lezihlalo elinazo kwindlu yowiso-mthetho ngokwenani lezihlalo anazo amanye amaqela athabath’inxaxheba.
- Amasebe kurhulumente wephondo mawabelwe kumaqela athabath’inxaxheba ngokwendlela efanayo echazwe kwisiqendu 91(9), kwaye ekusebenziseni loo ndlela, xa, kweso siqendu, kuthethwa–
- ngeKhabhinethi, oko makuqondwe ngokuthi kuthethwa ngaBaphathiswa bephondo;
- ngoMphathiswa, oko makuqondwe ngokuthi kuthethwa ngoMphathiswa wephondo;
- ngeNdlu yoWiso-mthetho, oko makuqondwe ngokuthi kuthethwa ngendlu yowiso-mthetho yephondo.
- Emva kokubonisana neenkokeli zamaqela athabath’inxaxheba, iNkulumbuso yephondo–
- mayenze isigqibo ngamasebe amawanikwe amaqela athabath’inxaxheba ngokwenani lamasebe abelwe wona ngokwesiqendwana (3);
- makamisele kwisebe ngalinye ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo elililungu leqela elinikwe elo sebe ngokwesiqendu (a), alimisele libe nguMphathiswa wephondo ophathiswe elo sebe;
- ukuba kuthi kube yimfuneko ngokwenjongo yoMgaqo-siseko okanye ngenjongo yokuba kubekho urhulumente olungileyo, atshintshe nasiphi na isigqibo asenze ngokwesiqendu (a), kodwa ngokulawulwa sisiqendwana (3);
- ayekise nawuphi na umntu ammiseleyo ngokwesiqendu (b)–
- ukuba iNkulumbuso icelwa ukuba yenze njalo yinkokeli yeqela alilungu lalo uMphathiswa wephondo lowo; okanye
- ukuba kuthi kube yimfubeko ngokwenjongo yoMgaqo-siseko okanye ngenjongo yokuba kubekho urhulumente olungileyo; okanye
- makavale isithuba soMphathiswa wephondo, xa kuyimfuneko, ngokulawulwa sisiqendu (b).
- Makusetyenziswe isiqendwana (4) ngomoya wokuba kubekho urhulumente womanyano, kwaye iNkulumbuso namanye amagosa achaphazelekayo mabafune ukuba kubekho ukuvumelana ngamaxesha onke ekusetyenzisweni kweso siqendwana, kodwa ke ukuba ukuvumelana akunakwenzeka–
- ngokusetyenziswa kwegunya ekuthethwe ngalo kwisiqendu (a), (c), or (d)(ii) kweso siqendwana, kuba sisigqibo seNkulumbuso esigqibelayo;
- ngokusetyenziswa kwegunya ekuthethwe ngalo kwisiqendu (b), (d)(i) okanye (e) kweso siqendwana okuchaphazela umntu ongelilo ilungu leqela leNkulumbuso, isigqibo senkokeli yeqela alilungu lalo loo mntu kuba siso esigqibelayo;
- ngokusetyenziswa kwegunya ekuthethwe ngalo kwisiqendu (b) okanye (e) kweso siqendwana okuchaphazela umntu olilungu leqela leNkulumbuso, kuba sisigqibo seNkulumbuso esigqibelayo.
- Ukuba isigqibo esingokwabiwa kwamasebe siyatshintshwa ngokwesiqendwana (4) (c), amalungu achaphazelekayo makaphume kumasebe awo, kodwa ayafaneleka, kwiimeko ekunokwenzeka kuzo oko, ukuba amiselwe kwakhona kwamanye amasebe awabelwe amaqela awo ngokwesigqibo esitshintshiweyo.
- Iintlanganiso zaBaphathiswa bephondo mazonganyelwe yiNkulumbuso yelo phondo.
- ABaphathiswa bephondo mabasebenze ngendlela ecingela umoya wokuvumelana omawubekho kurhulumente womanyano, kwakunye nemfuneko yokuba urhulumente asebenze ngempumelelo.
Isiqendu 136 soMgaqo-siseko omtsha sithathwa njengesiqulethe ezi ziqendwana ezongeziweyo zilandelayo:
- Ngamnye kuBaphathiswa bephondo uphendula kwiNkulumbuso nakwindlu yowiso-mthetho yephondo ngendlela abawasingethe ngayo amasebe abo ephondo, kuze kuthi bonke aBaphathiswa bephondo xa bebonke baphendule ngendlela abayenza ngayo imisebenzi karhulumente wephondo neenkqubo zakhe.
- ABaphathiswa bephondo mabawasingathe amasebe ephondo ngokwenkqubo egqitywe ngaBaphathiswa.
- Ukuba uMphathiswa wephondo uyoyisakala ukulisingatha isebe lakhe ngokwenkqubo yaBaphathiswa bephondo, iNkulumbuso isenokufuna ukuba loo Mphathiswa alisingathe iphondo ngokwaloo nkqubo.
- Ukuba uMphathiswa wephondo uyoyisakala ukwenza okufunwa yiNkulumbuso ngokwesiqendwana (5), iNkulumbuso isenokumshenxisa esikhundleni emva kokubonisana noMphathiswa lowo, kuze kuthi ukuba uMphathiswa lowo akalilo ilungu leqela leNkulumbuso okanye akayiyo inkokeli yeqela elithabath’inxaxheba, imshenxise emva kokubonisana nenkokeli yeqela laloo Mphathiswa.