Isabelo esifanelekileyo sephondo sengeniso ezuzwe elizweni lonke siyimali etsalwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeZwelonke.
[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 213: 1 Januwari 1998.]
[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 214: 1 Januwari 1998.]
[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 215: 1 Januwari 1998.]
Uvimba wemali wezwelonke makaqinisekise ukuba ayathatyathwa amanyathelo asekwe ngokwesiqedwana (1), kwaye usenokukumisa ukufuduselwa kweemali kwicandelo likarhulumente ukuba elo candelo likarhulumente liyaphula loo milinganiselo ngokugqithisileyo okanye ngokuzingisileyo.
[Isiqendwana (2) sathatyathelw’indawo sisiqendu 5(a) soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
[Isiqendwana (3) senziwa utshintsho sisiqendu 5(b) soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
Umthetho wepalamente wezwelonke mawuxele imida emayisetyenziswe ngaphakathi kwayo inkqubo ekuthethwe ngayo kwisiqendwana (2).
[Isiqendwana (3) sathatyathelw’indawo sisiqendu 6 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
Urhulumente ngamnye makapapashe ingxelo engeziqinisekiso azikhuphileyo.
[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 218: 1 Januwari 1998.]
[Isiqendwana (1) sathatyathelw’indawo sisiqendu 2 soMthetho Wesihlanu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-1999, saza sathatyathelw’indawo sisiqendu 7(a) soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
(1A) Umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) mawuvumele ukuthabath’inxaxheba-
[Isiqendwana (1A) safakelwa sisiqendu 7(b) soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo- siseko ka-2001.]
[Isiqendwana (4) songezwa sisiqendu 8 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo- siseko ka-2001.]
[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 226: 1 Januawri 1998.]
Malizizamele ngokwalo iphondo ubuncwane elibufunayo, ngokokutsho koMgaqo- siseko walo wephondo, xa kububuncwane obungaphaya kweemfuno zalo ekuthethwe ngazo kuMgaqo-siseko.
[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 227: 1 Januwari 1998.]
iintlawuliso ezilingana kumntu wonke kuyo nayiphi na irhafu okanye ezinye iintlawulo ezifunwa ngumthetho wepalamente wezwelonke, ezingeyiyo irhafu yengeniso yamashishini, iVAT, iintlawuliso zomhlaba nemizi okanye iintlawuliso zasemideni yelizwe.
[Isiqendu (b) sathatyathelw’indawo sisiqendu 9 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 228: 1 Januwari 1998.]
Umthetho wepalamente wezwelonke ekucingwa ngawo kwesi siqendu unokuwiswa kuphela emva kokuba kuboniswene norhulumente wasekuhlaleni ocwangcisiweyo neKomishoni yeeMali neeRhafu, kwaqwalaselwa noncomelo olwenziwe yiKomishoni.
[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 229: 1 Januwari 1998.]
Umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) unokuwiswa kuphela emva kokuba kuqwalaselwe uncomelo olwenziwe yiKomishoni yeeMali neeRhafu.
[Isiqendu 230 sathayathelw’indawo sisiqendu 10 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
Umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) unokuwiswa kuphela emva kokuba kuqwalaselwe uncomelo olwenziwe yiKomishoni yeeMali neeRhafu.
[Isiqendu 230A safakelwa sisiqendu 17 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo- siseko ka-2001.]