Isahluko 12: Iinkokeli Zomthonyama (211-212)
211. Ukwamkeleka kwazo
- Ubukho beenkokeli zomthonyama, iwonga lazo nenxaxheba yazo, ngokomthetho wesintu, ezo zinto ziyamkelwa, ngokulawulwa nguMgaqo-siseko.
- Ugunyaziwe ophila ngokwesithethe somthetho wesintu uvumelekile ukuba asebenze, ngokulawulwa nguwo nawuphi na umthetho wepalamente namasiko asebenzayo kwimeko, okuquka utshintsho olwenziweyo kuloo mthetho wepalamente okanye kuloo masiko okanye ukutshitshiswa kwawo.
- Iinkundla zivumelekile ukuba ziwusebenzise umthetho wesintu ukuba loo mthetho uyasebenziseka kwimeko leyo, kodwa ke ngokulawulwa nguMgaqo-siseko nangumthetho wepalamente othetha ngomthetho wesintu.
212. Inxaxheba yeenkokeli zomthonyama
- Umthetho wepalamente wezwelonke usenokuxela inxaxheba yeenkokeli zomthonyama ekuhlaleni kwimicimbi echaphazela abantu ekuhlaleni.
- Ukuze kusingathwe imicimbi emayela neenkokeli zomthonyama, nenxaxheba yeenkokeli zomthonyama, nomthetho wesintu namasiko abantu abaphila ngezithethe zomthetho wesintu–
- umthetho wepalamente wezwelonke okanye wephondo usenokuthi makusekwe izindlu zeenkokeli zomthonyama; kwaye
- umthetho wepalamente wezwelonke usenokuseka ibhunga leenkokeli zomthonyama.